- Title
- An investigation of language choice on Twitter: the case of isiXhosa-speaking users and the o jewa ke eng? Trend
- Creator
- Nkunzi, Zindzi
- ThesisAdvisor
- Kunje, Hleze
- ThesisAdvisor
- Kaschula, Russell
- Subject
- Subject
- Social media South Africa
- Subject
- Social media and society South Africa
- Subject
- Xhosa language Usage
- Subject
- Mass media and language South Africa
- Subject
- Language choice
- Subject
- Language shift
- Subject
- Language attitude
- Date
- 2022-10-14
- Type
- Academic theses
- Type
- Master's theses
- Type
- text
- Identifier
- http://hdl.handle.net/10962/406331
- Identifier
- vital:70259
- Description
- The study critically examines and discusses language choice on twitter, a social media platform that has a vast number of people from different language groups. This diverse platform allows people to tweet, communicate, and share information online. There are tweets that trend and attract more engagement across different language groups. O jewa ke eng? which translates to ‘what’s bothering you?’ is one of those tweets, and it is communicated in Sesotho. (More discussion about the tweet in the introduction section that follows). According to Eisenstein, O’ Connor, Smith & Xing (2010) & Eisenstein (2016), “the popularity and ubiquity of social media allows access to a wide variety of spontaneous language enabling researchers to study language variation across space and time at large scale”, (Preotiuc-Pietro & Ungar, 2018: 1534). The introduction to the internet and socially mediated platforms such as Twitter and others has changed how information is produced and consumed. Social media allow people to communicate and engage in languages they are comfortable and familiar with. The study discusses language choice at three levels: language choice between isiXhosa verses English; isiXhosa verses other African languages and isiXhosa verses other varieties. The study is pursued with the overarching aim to investigate the possibility of African languages such as isiXhosa being used as dominant languages on social media. Thus, the study explores language use by isiXhosa speaking users on twitter that engaged with the tweet. Moreover, the study investigated why they choose to use one language over the other or multiple languages. To give a broader perspective on the study, language choice, language shift and language attitude are discussed and critically evaluated. Theoretically, the concept of code-switching and code-mixing is used when looking at bilingualism and multilingualism. It is imperative to look at multilingualism because the prevalent use of English is no longer a barrier to communication, social media platforms have created a space where African language users are able to engage in their native languages. Moreover, the study explores the use of standard and non-standard isiXhosa languages. There are varieties of languages such as tsotsitaal, slang and others, and these language varieties are not recognised as standard, used in educational settings and so on. In doing so, language attitude is used as the concept to investigate what propels isiXhosa users to or not to use these language varieties in the online communities. The study is explored with the aim to investigate whether social media either grows and preserves African languages online or these platforms are detrimental to these languages, as the language utilised on them is casual and vague, in terms of both spoken and written speech.
- Description
- Olu phando luvavanya kwaye luxoxa nzulu ngokhetho lolwimi kuTwitter, ikhasi lonxibelelwano elinenani elikhulu labantu abavela kumaqela eelwimi ezahlukeneyo. Eli khasi labantu abohlukeneyo libavumela ukuba babhale, banxibelelane, kwaye babelane ngolwazi kwi-intanethi. Kukho ii-tweets (imibhalwana emifutshane) ezihamba phambili kwaye zitsala uthethathethwano phakathi kumaqela eelwimi ezahlukeneyo. O jewa ke eng? ethetha ukuthi, ‘ukhathazwa yintoni?’ yenye yezo tweets (yalo mibhalwana mifutshane), kwaye idluliselwe ngesiSuthu. (Ingxoxo engakumbi malunga ne-tweet (nombhalwana omfutshane) ifumaneka kwicandelo lentshayelelo elilandelayo). Ngokutsho kukaEisenstein, O’ Connor, Smith & Xing (2010) kunye noEisenstein (2016), “ukuduma kunye nobuninzi beendaba zoluntu kubangela ezo ndaba ukuba zinwenwele kwiindidi ezininzi zeelwimi nezivumela abaphandi ukuba bafunde ngokwahlukana kolwimi kwindawo kunye nexesha…”, (Preotiuc-Pietro & Ungar, 2008: 1534). Ulwaziso kwi-intanethi kunye namakhasi onxibelelwano oluntu afana ne-Twitter kunye namanye, luyitshintshile indlela ulwazi oluveliswa ngayo kunye nendlela olusetyenziswa ngayo. Amakhasi onxibelelwano oluntu avumela abantu ukuba banxibelelane kwaye bazibandakanye ngeelwimi abakhululekileyo ukuzisebenzisa nabaqhelene nazo Olu phando luxoxa ngokukhethwa kolwimi kumanqanaba amathathu: ukukhethwa kolwimi phakathi kwesiXhosa kunye nesiNgesi, isiXhosa kunye nezinye iilwimi ziseNtu, kwakunye nesiXhosa kunye nezinye iindidi zolwimi. Olu phando luqhutywa ngeyona njongo iphambili yokuphanda ukuba ngaba iilwimi zesiNtu ezifana nesiXhosa zingasetyenziswa njengeelwimi eziphambili kamakhasi onxibelelwano na. Kungoko, uphando luphonononga ukusetyenziswa kolwimi ngabo bantetho isisiXhosa kuTwitter abanxibelelana ne-tweet (nombhalo omfutshane). Olu phando, lukwaphanda ukuba kutheni bekhetha ukusebenzisa ulwimi oluthile kunolunye okanye iilwimi ezininzi. Ukunika umbono ngokuthe gabalala ngolu phando, ukukhethwa kolwimi, utshintsho lolwimi, kunye nesimo sengqondo solwimi ziyaxoxwa kwaye zihlolwa ngokunzulu. Ngokwethiyori, ingqikelelo yokutshintshatshintsha iilwimi kunye nokuxuba iilwimi (ukusebenzisa iilwimi ezahlukeneyo kumgca okanye umbhalo omnye) ziyasetyenziswa xa kujongwa ukusetyenziswa kweelwimi ezimbini kunye neelwimi ezininzi. Kunyanzelekile ukuba kujongwe ukusetyenziswa kweelwimi ezininzi kuba ukuxhaphaka kokusetyenziswa kwesiNgesi akusengomqobo kunxibelelwano, amakhasi onxibelelwano (amaqonga osasazo) oluntu avule indawo apho abasebenzisi beelwimi zesiNtu bakwaziyo ukuthetha ngeelwimi zabo zomthonyama. Ngaphezu koko, olu phando luphonononga ukusetyenziswa kweelwimi zesiXhosa ezisemgangathweni nezingekho mgangathweni. Kukho iintlobo ngeentlobo zeelwimi ezifana neTsotsitaal, ulwimi lwe-slang nezinye, kwaye ezi ntlobo zeelwimi aziqatshelwa njengeelwimi ezisemgangathweni, ezisetyenziswa kumajelo emfundo njalo njalo. Ngokwenza oko, isimo sengqondo solwimi sisetyenziswa njengengcamango yokuphanda ukuba yintoni eyenza abasebenzisi besiXhosa basebenzise okanye bangasebenzisi ezi ntlobo zeelwimi kwi-intanethi. Olu phononongo luphononongwa ngeenjongo zokuphanda apho amaqonga onxibelelwano akhula kwaye agcine khona iilwimi zesiNtu kwi-intanethi okanye lamaqonga onxibelelwano abubungozi kwezilwimi, njengoko ulwimi olusetyenziswa kula maqonga luqhelekile kwaye alucacanga, ngokwentetho ethethwayo nebhaliweyo.
- Description
- Thesis (MA) -- Faculty of Humanities, School of Languages and Literatures, 2022
- Format
- computer, online resource, application/pdf, 1 online resource (163 pages), pdf
- Publisher
- Rhodes University, Faculty of Humanities, School of Languages and Literatures
- Language
- English
- Rights
- Nkunzi, Zindzi
- Rights
- Use of this resource is governed by the terms and conditions of the Creative Commons "Attribution-NonCommercial-ShareAlike" License (http://creativecommons.org/licenses/by-nc-sa/2.0/)
- Hits: 977
- Visitors: 999
- Downloads: 45
Thumbnail | File | Description | Size | Format | |||
---|---|---|---|---|---|---|---|
View Details Download | SOURCE1 | NKUNZI-MA-TR22-264.pdf | 2 MB | Adobe Acrobat PDF | View Details Download |