Igalelo loncwadi lwandulo ku-Ithemba liyaphilisa ka-W.K. Tamsanqa no-Ingqumbo yeminyanya ka- A. C. Jordan
- Authors: Ganto, Diniwe Joyce
- Date: 2013
- Language: Xhosa
- Type: Thesis , Masters , MA (African Languages)
- Identifier: vital:11150 , http://hdl.handle.net/10353/d1013014
- Description: Olu phando luqwalasela nzulu igalelo loncwadi lwandulo kolwanamhla uncwadi. Kubalulekile ukuba kwenziwe oku kuba ugxudululu lwabahlalutyi boncwadi lwesiXhosa bakholisa ukukhumathela ekukhangeleni ifuthe loncwadi lwaseNtshona kuncwadi lwesiXhosa, babe bona abahlalutyi abagrombonca igalelo loncwadi lwandulo kolwanamhla (kwisiXhosa) benqongophele. Nemingqandandana ekhoyo yophando oselwenziwe kuncwadi lwesiXhosa ikholisa ukukhangela ifuthe, lona uphando olungegalelo loncwadi lwandulo kolwanamhla lunqongophele. Iincwadi endiphengulula zona kulo msebenzi yile kaJordan (Ingqumbo Yeminyanya), nekaTamsanqa (Ithemba Liyaphilisa). Indlela endiwuhlahlube ngayo lo msebenzi wophengululo ingolu hlobo: Isahluko sokuqala yimbulambethe edandalazisa iindlela-ndlela endiza kuchankcatha ngazo ukugrombonca eli galelo loncwadi lwandulo kolwanamhla. Isahluko sesibini siza kugrombonca imigqaliselo ekwakuchancathwa kuyo endulo xa kuyilwa amabalana omthonyama. Ndibuye ndifunxe ulwazi olunzulu ngala mabali andulo. Isahluko sesithathu siza kukhukhuza sikhangele ezi ncwadi zimbini Ingqumbo Yeminyanya ne Ithemba Liyaphilisa ukuba ezi zithako nala mabali andulo asetyenziswe njani na kuzo. Isahluko sesine siza kutwabulula indlela abazinonga ngayo ezi zithako nala mabali andulo kwezi ncwadi zabo ooJordan noTamsanqa. Kwakhona ndiphinde ndikhangele ukuba ezi zithako zinagalelo lini na kwizigidimi ezingundoqo eziphuhliswa kwezi ncwadi. Isahluko sesihlanu sisishokobezo somsebenzi wezahluko zonke endizenzileyo.
- Full Text:
- Date Issued: 2013

Uphononongo ngokwesithako sobunzululwazi-sakhono kwiinoveli ezimbini zesiXhosa : (Ukhozi olunamaphiko noLwadilik' udonga)
- Authors: Jaxa, Nontembiso Patricia
- Date: 2013
- Subjects: Xhosa literature -- History and criticism , Xhosa language -- Grammar , Figures of speech
- Language: Xhosa
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: vital:8483 , http://hdl.handle.net/10948/d1020981
- Description: Kule ngxoxo kuqwalaselwa indlela ulwimi njengesakhono olusetyenziswe ngayo kwincwadi kaSaule, ethi, Ukhozi Olumaphiko kunye nobuchule bukaBongela ekubhaleni kwincwadi yakhe ethi, Lwadilik’ Udonga, yona eluguqulelo lwencwadi kaChinua Achebe, ethi, Things Fall Apart. Kule ngxoxo akuthelekiswa aba babhali babini koko kujongwe nje kunconywa ubuchule babo ekusebenziseni ulwimi ngendlela ephakamisa umgangatho weencwadi zabo. Oko, kudandalazisa ukubaluleka kokuqatshelwa kolwimi njengesakhono, ngababhali. Injongo yolu phando kukuba, ababhali bakuthathele ingqalelo ukubaluleka kokukhulisa nokukhuthaza ukusetyenziswa kolwimi ngokukubonisa oko kwiincwadi abazibhalileyo, ukuze, nakubafundi nootitshala ezikolweni, kube lula ukufunda nokufundisa ulwimi, kuphumezeke iinjongo zeNkcazelo yePolisi yeKharityhulam noHlolo (2011), yona ebethelela ukufundiswa kolwimi ngendlela ephucula nekhulisa umfundi kulwimi. Le ngxoxo ke ixhaswa ngezithako ngezithako zeengcali kwisakhono noguqulelo. Ingxoxo le yahlulwe yazizahluko ezihlanu. Isahluko sokuqala sivula ngentshayelelo, ze sidandalazise intsusamabandla yolu phando, kushukuxwe ingxubakaxaka elundululeyo, ze kwenziwe uphengululo lweencwadi zeengcali kwizithako zesakhono nezokuguqulela. Isahluko sesibini, siqwalasela indlela uSaule asebenzise ngayo iindidi zezivakalisi, kanti neendidi zezivakalisi ezidiza isakhono ngobuchule, ukuze kuphuhle amandla akhe ekubaliseni kuhlobo loncwadi alubhalileyo, nokuvakalisa iingcinga neengcamango zakhe, edlulisa nolwazi kwabo bafunda incwadi. Isahluko sesithathu, siyaqhuba nokusetyenziswa kolwimi njengesakhono sokubhala kwakwincwadi kaSaule, kodwa kujongwe ukusetyenziswa kwezifanekisozwi, izifaniso, uchongo-magama nentsingiselo kunye noburharha bombhali. Isahluko sesine sona sihlalutya isimbo sikaBongela ekubhaleni nasekuguquleleni kwincwadi yakhe ethi, Lwadilik’ udonga. Isahluko sesihlanu sesokuphetha, siyintyilazwi yeengxoxo ezikolu hlalutyo, kuxilongwa ubuzaza besithako sobunzululwazi-sakhono nokubaluleka kwaso ekuphuhliseni uncwadi jikelele. Ukusetyenziswa kolwimi kuko okungundoqo wokuphila koncwadi.

Uphononongo nzulu lwefuthe lweentetho ntshukumo zovakalelo zabalinganiswa kwiincwadi ezichongiweyo zedrama zesixhosa
- Authors: Sehloboko, Matsiliso
- Date: 2013
- Subjects: Xhosa literature , Xhosa drama
- Language: Xhosa
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: vital:8478 , http://hdl.handle.net/10948/d1020002
- Description: Olu phando luza kucubungula ifuthe lentetho ntshukumo yovakalelo kubalinganiswa. Kuza kungqalwa kwindlela ethi intsingiselo yamkeleke ngayo kutoliko novakalelo lomphulaphuli ngokuxhomekeka kwimeko ethile yentetho. Intetho njengesenzeko esinokusetyenziswa ekuyileni nasekuchukumiseni inyaniso, nethi ngokuvakaliswa kwayo idale utshintsho kubomi babalinganiswa iza kucubungulwa kuza kugocwagocwa iincwadi zedrama yesiXhosa ezichongiweyo.

- «
- ‹
- 1
- ›
- »