- Title
- Uphando-nzulu lweempendulo ezibhaliweyo zabafundi bamabakala aphezulu emfundo kuncwadi lwesiXhosa
- Creator
- Mavela, Xolani Sikhomo
- ThesisAdvisor
- Kaschula, Russell
- ThesisAdvisor
- Ralarala, Monwabisi K
- Subject
- Discourse analysis
- Subject
- Anthropological linguistics
- Subject
- Academic writing Study and teaching
- Subject
- Academic writing Evaluation
- Subject
- Linguistics Research
- Date
- 2018
- Type
- text
- Type
- Thesis
- Type
- Doctoral
- Type
- PhD
- Identifier
- http://hdl.handle.net/10962/63176
- Identifier
- vital:28370
- Description
- Kwiziphumo zakutsha nje ezivezwe kwiigridi zocazululo zohlolo loncwadi kwinqanaba lemfundo ephakamileyo (FET), kufumaniseke ukuba abafundi beli nqanaba abaqhubi kakuhle tu kwaphela xa becelwa ukuba babhale iimpendulo zabo kwanezo zimandundu nezikhwencayo kwiitekisi zoncwadi. Ngenxa yesi sizathu, eyona njongo iphambili yolu phando kukuzama ukuyila nokuvelisa isixhobo esinokusetyenziswa ekwaziseni nasekuxhobiseni abafundi besiXhosa abakwinqanaba leFET, ngezakhono zokubhala eziphuhlileyo nezikumgangatho wobhalo lwamaziko emfundo enomsila. Kule meko, ingcali yophando kwezobhalo lolwimi uMartin (2009) uhlomla ngelithi ubhalo olujolise ekunikeni iimpendulo, lubonwa njengohlobo lokubhala oluneengcambu ezimiliselwe ekufundisweni nasekungeneleleni ngokugqibeleleyo ngezakhono zokubhala, bhalo olu lunokuthi emva kwethuba elithile, luphelele kwincochoyi yokushicilelwa, lube ngamaxwebhu ahlelwe ngokusesikweni. Iindlela okanye izixhobo zokubhala eziyilwe ngeenjongo zokunikeza iimpendulo, nezithathwe kuphando lukaFeez noJoyce (1998), zizo eziza kusetyenziswa njengenxalenye yoqeqesho nakumaphulo ongenelelo oluza kuxhasa abafundi besiXhosa benqanaba leFET, nanjengoko ezi zixhobo zibonakala zinegalelo elincomekayo kwindlela ekubhalwa ngayo iimpendulo zeetekisi zoncwadi, ngokuthi zigxile kwezi njongo zilandelayo: (i) Ukunika abafundi ulwazi lokuzuza ulwazi olunzulu nolugqibeleleyo ngokuphathelele kwiinjongo zetekisi. (ii) Ukunika inkcazelo ecacileyo ngokubaluleka kwesakhiwo setekisi kwanokubunjwa kwayo. (iii) Ukuxhobisa abafundi ukuze bakwazi ukuchonga ulwimi oluxabisayo, iimpawu zobume bamagama negrama, kuquka nemiba ephambili yamasiko kwiitekisi zoncwadi. Ngenxa yezi njongo, kufikelelwa kuqikelelo oluthi, kuya kuthi ngokusetyenziswa kwesixhobo sikaFeez noJoyce seZakhono zokuBhala, sixhobo eso sayame kwiinqobo zeNgcingane yokuXabisa okufundwayo nedandalaziswa nguMartin noWhite (2006; 2005 no-2003) nayo le ngcingane eluncedo ekufundisweni kokubhala, abafundi abaninzi boncwadi lwesiXhosa kukholeleka ukuba bakukwazi ukuphuhlisa izakhono zokubhala iitekisi ezinika iimpendulo ezihlahlela imiba ephambili yoncwadi abalufundisiweyo. Olu phando lukwahlabela mgama lubonisa nokuba nezinye izixhobo zoyilo lweetekisi zikaGrabe noKaplan (1996), zinakho ukusetyenziswa ngaxesha linye neenqobo zeNgcingane yokuXabisa okufundwayo, kuquka nemiba yeZakhono zokuBhala, ukuze kwandiswe oku kuphuhliswa kwezakhono zokubhala kubafundi besiXhosa, kungaphelelanga kumabanga aphezulu, koko kufikelelwe nakumabanga asezantsi, nanjengoko kuveziwe kwiziphumo, kwizishwankathelo nakwisiphelo solu phando.
- Format
- 204 pages, pdf
- Publisher
- Rhodes University, Faculty of Humanities, School of Languages
- Language
- Xhosa
- Rights
- Mavela, Xolani Sikhomo
- Hits: 8219
- Visitors: 7947
- Downloads: 256
Thumbnail | File | Description | Size | Format | |||
---|---|---|---|---|---|---|---|
View Details | SOURCE1 | Adobe Acrobat PDF | 1 MB | Adobe Acrobat PDF | View Details |