Uphononongo lwesimo sabalinganiswa kujongwe izenzo, iimpawu nemikhwa eyandulela nelandela ukubulala kwiincwadi ezikhethiweyo zesiXhosa
- Authors: Hempe, Zoleka Faith
- Date: 2019
- Subjects: Xhosa drama (Tragedy) -- History and criticism
- Language: Xhosa
- Type: Thesis , Doctoral , DLitt
- Identifier: http://hdl.handle.net/10948/30777 , vital:31129
- Description: Olu phando luzondelele ukwenza umqela obonakalayo ekuhliseni inani lokubulawa nokuzibulala kwabantu ngokuthi luphengulule iimpawu ezibonakala phambi nasemva kokuzibandakanye nesi senzo. Olu gocagoco lweempawu luza kumncedisa umphandi aqaphele okuqhubeka engqondweni yombulali. Uphando luza kubuye lucebise okunokwenziwa ngabantu xa luthe lwaziqaphela ezi mpawu. Iimeko ezingqonge ababulali ziza kujongwa ngeliso elibukhali ukuba azinafuthe na kwiimeko ezityhalela ababulali kwizenzo zokukhupha imiphefumlo. Isahluko sokuqala yimbulambethe eyintsika yolu phando nezakuthi inike isikhokelo ngendlela oluza kuhamba ngayo uphando, luxovula uluncwadi kwaneendlela ezahlukileyo zophando eziza kusetyenziswa.Amagama angundoqo aza kusetyenziswa kolu phando aza kucaciswa. Isahluko sesibini simalunga neengcingane oluza kwayama ngazo olu phando. Eyonangcingane inkqenkqeza phambili kolu phando yingcigane yobume bengqondo nazakuthi umphandi ayicacise nzulu ukuze akhangele indlela ebachaphazela ngayo ababulali. Le ngcingane imalunga nendlela ingqondo yomntu echaphazeleka ngayo kokumngqongileyo kwaye ikwanikezela neendlela zokuyinyanga. Lolu lwazi ke umphandi aza kulusebenzisa ukuhlalutya imeko yombulali ngamnye kwiincwadi ezichongelwe uhlalutyo. Akhona namanye amangenelela eengcingane athe acaciswa kwesi sahluko nazakuthi umphandi awaqwabulule kwisahluko sesithathu nesesineindlela ayamana ngawo nezenzo zababulali. Kwisahluko sesithathu umphandi uza kuphengulula iimpawu ezibonakala kubabulali abakwiincwadi ezichongiweyo. Isahluko sesine sona ziza kujonga iindidi neendlela zokubulala kuze kucatshulwe kwiincwadi ezichongiweyo siphinde siqaphele nezizathu ezityhilizela ababulali kwezi zenzo zokukhupha imiphefumlo. Isahluko sesihlanu sona siza kubhenca okufunyaniswe luphando size sinike neengcebiso ezinokwenziwa ukunciphisa inanilabantu abakhupha imiphefumlo.
- Full Text:
- Date Issued: 2019
Ukuzotywa kwabalinganiswa abafunzele ukuzibulala kwimidlalo ekhethiweyo yesiXhosa
- Authors: Kondowe, Zandile Ziyanda
- Date: 2006
- Subjects: Acting -- Psychological aspects , Xhosa drama (Tragedy) -- History and criticism , Suicide in literature , Actors -- Psychology , Xhosa drama
- Language: Xhosa
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: vital:8473 , http://hdl.handle.net/10948/536 , Acting -- Psychological aspects , Xhosa drama (Tragedy) -- History and criticism , Suicide in literature , Actors -- Psychology , Xhosa drama
- Description: Olu phando lugqale kubalinganiswa abafunzele ukuzibulala kwimidlalo ekhethiweyo yesiXhosa. Kwisahluko sokuqala ngumkhombandlela wolu phando, intshayelelo, injongo yophando, ubume besifundo namagqabantshintshi ngentyila bomi zababhali endicaphule kwiincwadi zabo namagama angundoqo. Kwezinye izahluko ingcingane ezahlukeneyo nalapho endingabalula ekaFreud isayikho-analisisi ndinaba ngokubanzi kumabakala awabekileyo afana nokuzalwa, isini, odiphasi khompleksi nephupha nenxaxheba yakhe ekugubhululeni okuyimfihlakalo ngokuthi aphande ubomi bomntu obadlulayo ukuze kubenokunyangwa impixano ekuye ngaphakathi. Enye ingcingane esetyenzisiweyo yile ingokuzibulala nalapho kuphononongwa ukuba ngobani abazibulalayo, abaqinisekileyo ngokufa kwabo, ukuzibulala ngesivumelwano nembalelwano abazishiyayo xa umntu ezibulala. Kwezinye izahluko ndiyibeka icace intsusa neziphumo zokuzibulala kwamaxhoba, ndayiphicotha nendlela ekuxhatshazwe ngayo amalungelo abalinganiswa ngabazali babo kuba benyanzela le mitshato yebhaxa ngenjongo yokuzuza ikhazi ngentombi zabo, nayo imixholo enxulumene nolu phando ndiyicaphule imixholo efana neyothando noqhankqalazo nomxholo wokutshatiswa kwabantwana ngebhaxa. Isahluko sesihlanu ngumqukumbelo jikelele nophononongo ngolu phando.
- Full Text:
- Date Issued: 2006