Uncwadi lwemveli njengovimba wokukhulisa ulwimi lwesiXhosa
- Hela -Gxanyana, Honjiswa Erica
- Authors: Hela -Gxanyana, Honjiswa Erica
- Date: 2022-12
- Subjects: Xhosa literature -- Research Folk literature, Xhosa , Semiotics
- Language: English
- Type: Master's theses , text
- Identifier: http://hdl.handle.net/10948/59304 , vital:62029
- Description: Umphandi kolu phando uza kugxila ekuphononongeni imiba yolwimi evela kuncwadi lwemveli lwesiXhosa nengqina ukuba olu ncwadi lunguvimba wokukhulisa ulwimi. Uncwadi lwemveli ke luquka iintsomi, iimbali, izibongo, iingoma, izaci namaqhalo, amaqhina, intlalo yakwaNtu ebandakanya iintetho, izifungo, iintsikelelo, iziqhulo, imizobo, izixhobo ezisetyenziswayo nako konke okungqonge intlalo. Apha kolu phando umphandi uza kuqwalasela iintsomi, iimbali, iziqhulo, izaci, amaqhalo nezentlalo yamaXhosa njengovimba wokukhulisa ulwimi lwesiXhosa. Olu ncwadi lunguvimba nomthombo apho amaXhosa angaziphakulela ezidaphela kulwimi oluteketeke kuba xa siqwalasela isixhobo sothiyomagama ezintsomini (onomastics), izibhebhelele zamagama ambaxa akunika umfanekiso ntelekelelo ocace gca wento okanye umntu ekuthethwa ngaye ungakungqina oku. Olu ncwadi lwemveli lwesiXhosa luzibalula ngokwandisa iintetho eziveza iintsingiselo ezahlukileyo zisandisa zikhulisa olu lwimi kude kuyokuthi ga ngokusungulwa kwentethwana ezizizithethantonye ngaloo ndlela lukhule ulwimi lwesiXhosa. Umphandi kolu phando uza kugqoloda kolu ncwadi lwemveli eluveza njengovimba, isisele sokudimbaza ulwimi lwesiXhosa , Thesis (MA) -- Faculty of Humanities, School of language and Communications, 2022
- Full Text:
- Date Issued: 2022-12

Uphicotho nzulu lokusetyenziswa kwamandla eempawu zesimiyotiki kwiinoveli ezichongiweyo zesiXhosa
- Authors: Mvanyashe, Andiswa
- Date: 2018
- Subjects: Semiotics , Xhosa literature -- Research Folk literature, Xhosa
- Language: Isixhosa
- Type: Thesis , Doctoral , DPhil
- Identifier: http://hdl.handle.net/10948/32916 , vital:32397
- Description: Olu phando lungesimiyotiki, oko ukutsho, ufundo-nzulu ngeempawu nemiqondiso. Le ngcingane yesimiyotiki ithi ixhaswe yingcingane yesemantiki, yesintaksi, neyepragmatiki kolu phando. Ezi ngcingane ziyahambisana kuba zonke zinento enye ezifana ngayo, ukushukuxa intsingiselo yeempawu nemiqondiso ngokwahlukana kwayo. Isimiyotiki ithi isetyenziswe ukuhlalutya ezi ncwadi zintathu zilandelayo zaba babhali: ekaJordan (1940) ethi Ingqumbo Yeminyanya, Ukuqhawuka kwembeleko nguD.M Jongilanga (1982) noUkuba ndandazile nguW.K Tamsanqa (1976). Uphando luthe lwahlulwa ngezihloko ezithandathu; isihloko sokuqala sinika ingcaciso yophando luphela; isihloko sesibini singena nzulu sicacise ingcingane esetyenzisiweyo yesimiyotiki kunye nezo ziyixhasayo; kwisihloko sesithathu kushukuxwa isimiyotiki nenkcubeko; kwisihloko sesine kushukuxwa isimiyotiki nemo yokumila; kwisihloko sesihlanu kushukuxwa isimiyotiki nepragmatiki; kwisihloko sesithandathu kushwankathelwa okanye kuququnjelwe yonke into - into ethe yaqhubeka kolu phando kunikwa neengcebiso eluntwini. Uphando luphela luzivelele iinkalo ezininzi zesimiyotiki kwaye lwaphendula nemibuzo yophando, lwafezekisa iinjongo zophando, lwafaka nomceli-mngeni kwabanye abaphandi abasaza kuphanda ngesimiyotiki. Kolu phando inkcubeko ibonakele kakhulu ukuba yinxenye yesimiyotiki kuba ibonisa imiqondiso neempawu ezinika intsingiselo.
- Full Text:
- Date Issued: 2018

- «
- ‹
- 1
- ›
- »