Uphando-nzulu ngobunzima bokuphuhlisa IsiXhosa kwizikolo zamabanga aphantsi kwizikolo ezikhethiweyo kwingingqi yaseBhayi
- Authors: Swartbooi, Landelwa
- Date: 2018
- Subjects: Xhosa language -- Study and teaching (Primary) -- South Africa -- Port Elizabeth , Xhosa language -- Study and teaching -- South Africa -- Port Elizabeth Xhosa language -- Study and teaching (Elementary) -- South Africa -- Eastern Cape Teachers -- Training of -- South Africa -- Port Elizabeth
- Language: Isixhosa
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: http://hdl.handle.net/10948/31053 , vital:31294
- Description: Kolu phando kuqwalaselwa indlela nezinto ezingunobangela wokokuba kube nzima ukuphuhlisa isiXhosa kumabanga aphantsi, kwizikolo ebezifudula zihlohla ngesiNgesi nesi-Bhulu. Luza kwayama ncakasana kwisikolo I-SAPPHIRE ROAD PRIMARY SCHOOL ebesinelinge elingu Vulindlela (ebesiyi-Pilot) ngonyaka wama-2014 kwiVulindlela IIAL (kwi-Project IIAL (Incremental Introduction of African Languages). Kungoko ke uphando luza kuthi lugxile ekuthini ingaba kwesi sikolo sikhankanyiweyo buvela njani ubunzima okanye zinto zini ezingunobangela wokuba kube nzima kuphuhliswa kolwimi lwesiXhosa kula mabanga aphantsi. Uphando luza kuthi lujonge ukuba imimiselo, nemigaqo yomgaqo-siseko weli lizwe ingaba iyahlonitshwa ezikolweni ekuphuhliseni iilwimi zomthonyana ingakumbi isiXhosa. Uphando luyayiqonda imeko yokufundiswa kweelwimi zomthonyana eMzantsi- Afrika ukuba lujongene nemiceli-mngeni emininzi. Kukho imithetho nemigaqo ebekiweyo. Kuyaphawuleka ke ukuba esi sikolo sinayo ingxaki ekuqinisekiseni ukuba imigaqo yokufundisa isiXhosa iyalandelwa. Yiyo ke le nto kubalulekile ukuba xa kufundiswa okanye kuphuhliswa isiXhosa kumabanga aphantsi kufuneka ingatyeshelwa imigaqo yokufundiswa kolwimi lwesiXhosa, lwimi olo oluyigolide yeSizwe kubantwana abathetha isiXhosa. Kuba umntwana emamela, kwaye afunde ngcono xa efunda ngolwimi lwakhe, kubalulekile ukuba iziphene ezifumanekayo zilungiswe ukuze lungatenxi ulwimi.
- Full Text:
- Date Issued: 2018

Uphicotho-nzulu ngokusetyenziswa kolwimi ngababhali bezini ezahlukeneyo kwiincwadi zesixhosa ezikhethiweyo
- Authors: Fali, Nompumelelo Winnifred
- Date: 2018
- Subjects: Xhosa language -- Usage , Gender identity in literature Xhosa literature -- Research
- Language: Isixhosa
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: http://hdl.handle.net/10948/29871 , vital:30787
- Description: Uphando luza kugxininisa kwindlela yokusetyenziswa kolwimi ngababhali bezini ezahlukeneyo. Ulwazi olukhoyo kolu phando lujolise ekuphandeni, uphicotho–nzulu kuphononongwa iincwadi zesiXhosa ezikhethiweyo. Phambi kokuba kujongwe okuqulathiweyo ngababhali bezini kufuneka kujongwe kuqwalaselwe indlela ababhali abasebenzisa ngayo ulwimi. Kuza kujongwa nendlela ababazoba ngayo abalinganiswa kuncwadi ingakumbi ababhali abangamadoda, kuba kubalulekile kujongwe indlela abazotywa ngayo kwakunye nolwimi ukuze kube lula ukuqonda indlela olwakhiwe ngayo uphando. Ngokutsho kukaStralton, (1990:98) abalinganiswa basetyhini bakhiwa ngeendlela ezininzi maxa wambi babizwa ngendlela apho eneengcinga ezineentetho ezisoloko zisetyenziswa ezingalunganga, kwanokungalingani kwezini kuba yingxaki esoloko ikho amaxesha amaninzi. Uqhubeka athi abalinganiswa basetyhini bazotywe njengoomama ababopheleleke emakhaya, kodwa benoxanduva lokujonga amakhaya, abantwana, abayeni kwanabantu bomzi. Indawo yabasetyhini ibonwa njengeyokuba isekhitshini apho soloko besebenza khona. Uphinda oleke ngelithi ababhali abangamadoda batyibela abalinganiswa basetyhini njengabantu abangathembekanga ekwenzeni okulungileyo kwanokutyhefa okanye ukungcolisa uluntu entlalweni. ULeslie (1987:05) ucacisa banzi ngabantu basetyhini athi bangabalinganiswa abazotywa kubhalo-ncwadi njengabantu abamele “oomama abaswiti” abavuma yonke into engavumelekanga okanye engathandekiyo kwaye ngabantu abazinikelayo bancame ubom babo. Esi siqu sika“mama” uLeslie (1987:15) uthetha ngaso ehlanganisa “umama waseAfrika” onobuhle ngaphakathi nangaphandle ukwakhiwa kwakunye nokuhlaziyeka kwakhe. Isiqu esihle, uyaphinda-phinda ukuthi, abasetyhini banomonde kwakunye nothando olunovakalelo, indlela ebonakalisa ubunjani babo. Abalinganiswa abaninzi basetyhini bamiswa ziingcinga neentetho ezisoloko zisetyenziswa zezini ukwenzela imigudu nemizamo yabo yokwenyuka itsalelwe ezantsi kubekho imibuzo engenampendulo.

Uphononongo-nzulu ngokwesithako solwazi lwemveli ngefuthe lolwimi lokuhlonipha kuluntu jikelele
- Authors: Dude, Linda Miranda
- Date: 2018
- Subjects: Xhosa language -- Reseach , Psycholinguistics Anthropological linguistics Sociolinguistics
- Language: Isixhosa
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: http://hdl.handle.net/10948/29904 , vital:30792
- Description: Olu phando lubunjwe ukuze luphande ifuthe lolwimi lokuhlonipha, oluyenye yeentsika eqamele ngazo inkcubeko yabantu abaNtsundu. Luphando olugxile kwinkcubeko yabantu abantetho isisiXhosa, igcuntswana labemi oluyinxalenye yeentlanga zoMzantsi Afrika. Umphandi ubone kubalulekile kwaye kunyanzelekile ukuba akhe aphose amehlo anike ingqalelo kwinkcubeko yamaXhosa ephanda nzulu ngamabakala okukhula nokudodobala kwenkcubeko yamaXhosa. Olu phando luqamele ngamandla kulwimi lokuhlonipha lungqanyaniswa neenkqubo zenkcubeko ezifana nolwaluko, umtshato wesiNtu, luchankcathe phezu kolwimi lwentlonelo kuhlonelwa izinto ezahlukileyo ezifana nemozulu, imilambo, amangcwaba, iinkundla kunye nezinye. Okukona kuphakamise umphandi ukuba enze olu phando yinto yokuba ukufika kwempucuko yaseNtshona, ukunaba okanye ukwanda kwenkolo yobuKrestu, ukudibana kwabamnyama nabamhlophe ingakumbi kwimitshato, ukuthandana kube nefuthe kulwimi lokuhlonipha olusakuba yintsika yenkcubeko yamaXhosa iinkulungwane ngeenkulungwane zeminyaka. Xa sijonga iinguqu kwezembali nezopolitiko nezithe zabanefuthe elibonakalayo ekutyeshelweni kwenkcubeko yamaXhosa, olu phando luza kwayama uxhase uqalo ngokutsha sithathe apho sishiye khona, loo nto ikukuzama ukuvuselela zonke izinto ezazisandula zisenzeka ukugcina inkcubeko nobuzwe bethu. Olu phando luza kuthi lugxininise kulwimi lwesiXhosa nenkcubeko yalo. Le ngxoxo iza kujonga okokuba intetho yamaXhosa ethi: indoda njengentloko, inefuthe elingakanani ekubekeni abantu ababhinqileyo kumgangatho ongezantsi kowamadoda.Injongo yingxam yaloo nto umntu afuna ukuyibhentsisa. Yintsusa mabandla eyenza ukuba umntu aphakame aphande exhinele ukubona inguqu okanye aphuhlise okuthile. Injongo yolu phando kukutsala emva ludandalazise lutyhile ubutyebi benkcubeko yamaXhosa. Olu phando luza kudandalazisa lubeke elubala indlela izinto zazisenziwa ngayo singekaxhwilwa simke nomrhiba wempucuko yaseNtshona. Olu phando luza kuphuhlisa lubonise indima edlalwa lulwimi lokuhlonipha ekwakheni isizwe esiphilileyo nesomeleleyo. Luza kuqwalasela ifuthe lwenkolo yobuKrestu nefike yatshintsha indlela olwalubaluleke ngayo unqulo kwaXhosa, abantu, iindawo, izilo ezazihlonitshwa zinikwa indawo ebalulekileyo esizweni. Luzama ukwenza utshongo oluza kuhlafuna wona umthinjana nomlisela osakhulayo wesizwe esiNtsundu lugcine amasiko nezithethe.

- «
- ‹
- 1
- ›
- »