Kwelo lizwe leentsomi : iintsomi zesiXhosa
- Authors: Sigcau, Bulelwa Monica
- Date: 2021-04
- Subjects: Creative writing (Higher education) -- South Africa , Xhosa fiction -- 21st century , Diaries -- Authorship , Short stories, Xhosa -- 21st century , African fiction -- History and criticism , English fiction -- History and criticism
- Language: Xhosa
- Type: thesis , text , Masters , MA
- Identifier: http://hdl.handle.net/10962/178270 , vital:42926
- Description: Ukuphosa kuvimba wolwazi ngeentsomi zesiXhosa, le thisisi iqulathe iintsomi-mabali eziqanjwe zabaliswa kusetyenziswa ulwimi, umxholo nemixholo engenelelayo engeziganeko zemihla ngemihla, abalinganiswa, isakhiwo sentsomi nesimo sentlalo zala maxesha siphila kuwo. Ezi ntsomi zixhaswa kakhulu yimifanekiso ephilayo, ukusetyenziswa kwemigca emifutshane ezoba isimo sentlalo nevakala ingathi yimibongo ngenxa yokuqupha kwayo. Umsebenzi kaR.F. Mcimeli, kwincwadi ethi, Ingqaka kaMaqhudeni iqulethe iintsomi ezisondeleyo kwezi ziqanjwe kulo msebenzi, ngakumbi iintsomi ezizezi, uNomvula noNomvulazana, uDumisani nesigebenga esingabonwayo, uNomaciko noCikokazi, nezinye. Umsebenzi kaNongenile Masithathu Zenani (2006) oqokelelwe nguHarold Scheub kwincwadi ethi South African voices: A long time passed ube negaleloo elikhulu ukubonisa indima esele idlaliwe kwiintsomi zesiXhosa. UKholeka Sigenu (2002) kwincwandi ethi Ezakowethu naye ube nefuthe kwindlela ezi ntsomi eziqanjwe ngayo nokuqinisekisa ukuba ngenene zongeza ulwazi olutsha. Ezi ntsomi-mabali zibhentsise okulungileyo nokuhenxayo ngaphandle kokushumayela nokuveza abalinganiswa njengeengilosi. Ndiluthande kakhulu nohlobo lukaAmos Tutuola lokubhala, ndizame ukusondeza uhlobo lwam lokubhala kolu hlobo lukaAmos Tutuola. Ndilandele ifuthe lohlobo lokubhala olubizwa ngeflash fiction. , Thesis (MA) -- Faculty of Humanities, School of Languages and Literatures, 2021
- Full Text:
Ndiyazi ukuba ndiza kufa njani : ingqokelela yemibongo
- Authors: Mdliva, Mqhubi Given
- Date: 2021-04
- Subjects: Creative writing (Higher education) -- South Africa , Xhosa poetry -- 21st century , Xhosa poetry -- History and criticism , Diaries -- Authorship , Xhosa fiction -- 21st century
- Language: Xhosa
- Type: thesis , text , Masters , MA
- Identifier: http://hdl.handle.net/10962/178295 , vital:42928
- Description: Le mibongo inyathela kwizinto ezitsarhayo; ukufa, ukukhula kweziganeko ezingobundlobongela obuphathelele kwezesondo nesini, kubulawa abantwana namanina ngamadoda norhwaphilizo olugqugqisayo. Lo msebenzi uphonononga ukwavavanya ukusetyenziswa kweempawu zokubhala kungalandelwa miqathango yokubhala koko kusetyenziswa ezi mpawu njengezixhobo zokuphuhlisa iimvakalelo zembongi. Ezi mpawu ziquka iidesh, iikholoni, iisemikholoni ukuqelelaniswa kwamagama kukwashiywa nezikhewu phakathi kwamagama kukhokelwa ngumoya wemibongo. Oku kubangele ukuba le mibongo ibe nezakhiwo ezahlukileyo nezingaqhelekanga kubhalo lwesiXhosa. Oko kukuthi, lo msebenzi utyebisa uncwadi lwesiXhosa ngokukwandisa kule ndlela ingaqhelekanga yokubhala. Umsebenzi kaSt E.P. Yako ube nefuthe kakhulu kulo msebenzi, ngakumbi indlela alusebenzise ngayo ulwimi oluteketeke zizafobe nemifanekiso ukubhala imibongo njengoko enzile kumbongo othi, Izibongo zikaMhlekazi uArchie Sandile. Kumbhali uMarina Tsvetaete kubolekwe indlela ayisebenzise ngayo imifanekiso kumbongo osihloko sithi, Poems for Block kuba udubula ngegama uthi thaa umfanekiso kwingqondo yomfundi. Isimbo sokuyila isakhiwo sombongo sikaSimphiwe Nolutshungu naso sibe nefuthe kule mibongo, kwaye le thisisi yandisa apho lo kaNolutshungu aphele khona ngakumbi kwindlela asebenzise ngayo iimpawu zokubhala. , Thesis (MA) -- Faculty of Humanities, School of Languages and Literatures, 2021
- Full Text:
Ingqumbo yomthondo kukuzika kohlanga
- Authors: Mtirara, Zodwa
- Date: 2020
- Subjects: Women and literature , Feminism and literature , Gender identity in literature , Masculinity in literature , Sex role in literature , Xhosa poetry , South African poetry (English) , Sex discrimination against women
- Language: Xhosa, English
- Type: text , Thesis , Masters , MA
- Identifier: http://hdl.handle.net/10962/154095 , vital:39562
- Description: Le yingqokelela yemibongo ebhentsisa ukutyeshelwa kobuntu nobuchule bamanina yinkolo yobuKrestu, kunye nenkolo yemveli okanye inkolo yesiNtu. Ikwenza oku ngokwaphula imithetho nemigaqo siseko yenkolo yobuKrestu nesiNtu sakwaXhosa malunga nokufanelekileyo ukuba owasetyhini akuthethe okanye akwenze. Ikwabhentsisa nokuhlukunyezwa kwabasetyhini, ibuza nemibuzo ngesimo esizifumana sikuso mva-nje. Ichukunyiswe bubomi bam kanye nobamanye amanina endiphila nawo ekuhlaleni. Ikubhentsisa ke oku ngokungenalusini njengoko imbongi uLesego Rampolokeng esenza. Izeka mzekweni ezibhalweni zooNtozakhe Shange, Diane Di Prima, Lidia Yuknavitch, noWame Molefhe. Iphikisa indlela ekubhalwe ngayo ngamanina ngooMema nooJolobe, isenza oko uNontsizi Mgqwetho angazange ade afikelele ukukwenza njengombhali wasetyhini.
- Full Text:
Reliving it through pen
- Authors: Chidi, Tsosheletso
- Date: 2020
- Subjects: South African fiction (English) , Northern Sotho poetry
- Language: English , Northern Sotho
- Type: text , Thesis , Masters , MA
- Identifier: http://hdl.handle.net/10962/163566 , vital:41049
- Description: This document consists of two parts: PART A: English Half Thesis (Creative Work) PART B: Dual Language Portfolio (Sepedi and English). This thesis focuses on witnessing the trauma of rape, inability to move on, denial and attempt to forget, it draws attention also to emotional abuse in a place called home, death and place. My work is influenced by Carolyn Fourche’s anthology, Against Forgetting: Poetry of Witness, Adam Bradley and Andrew Dubois’s The Anthology of the Rap, as well as Lesego Rampolokeng poem “Welcome to New Consciousness”.
- Full Text:
Ukuchichimala kwechweba
- Authors: Mbungwana, Mthunzikzi
- Date: 2020
- Subjects: Xhosa poetry
- Language: Xhosa
- Type: text , Thesis , Masters , MA
- Identifier: http://hdl.handle.net/10962/168512 , vital:41590
- Description: iThisisi nepotifoliyo. It is a collection of poems relating to women and society and gender related issues including gender based violence. It also focuses on how Christianity and Xhosa culture has violated women's rights and how they both believe that men and women should have different roles in society.
- Full Text:
“Ntombazana, ugayela bani?”: ubunzululwazi beentsimbi
- Authors: Silo, Tolakele Talitha
- Date: 2020
- Subjects: Beadwork, Xhosa , Xhosa (African people) -- Social life and customs , Beadwork, Tembu , Tembu (African people) -- Social life and customs
- Language: Xhosa
- Type: text , Thesis , Masters , MA
- Identifier: http://hdl.handle.net/10962/167487 , vital:41485
- Description: “ NTOMBAZANA, UGAYELA BANI?”: UBUNZULULWAZI BEENTSIMBI is a study on the culture of abaThembu, one of the amaXhosa subgroups. Focusing on beadwork as one of this group’s cultural aspects, this research is an initiative to ensure documentation of such indigenous knowledge as an influence on the lifestyle of abaThembu. It also strives to uplift the use of oral literature to present it a fair chance at being a driving force for change as it has previously been ousted with the acceptability of written literature. Of great surprise is to see that despite western civilization, which affected the people’s culture, beadwork remains a pillar of the abaThembu-amaXhosa culture. This craft has evolved and thus, shows no signs of regression. This thesis is an indigenous knowledge focused research.
- Full Text:
Ndonakele
- Authors: Ngcelwane, Ayabulela
- Date: 2019
- Subjects: Xhosa fiction , Xhosa poetry
- Language: English , Xhosa
- Type: text , Thesis , Masters , MA
- Identifier: http://hdl.handle.net/10962/92721 , vital:30742
- Description: Le thisisi yingqokelela yemibongo egxile kwimingeni ejamelene noluntu kwimimandla efana neelokishi. Unobangela wale mingeni yintswelo-ngqesho, ukungafumani zindlu, ubundlobongela, isimo sezepolitiki, njalo-njalo. Imisebenzi kaRonnie Kasrils ngakumbi kwincwadi yakhe ethi A simple man, uRustum Siyongwana – Ubulumko bezinja uS. S. Mema – Umnxeba Wobomi, nezinye, zibe nefuthe kakhulu kule thisisi. Indlela abasebenzisa ngayo ulwimi lwemihla ngemihla, maxawambi bade basebenzise nesakhono esisetyenziswa ezintsomini ezifana nokusebenzisa abalinganiswa abazizilwanyana bekwekwa umba onobuzaza. Injongo yalo msebenzi kukugqamisa ukubaluleka kwentlalontle yoluntu, nokuvuselela isazela koongxowa ayibotshwa. Yiyo loo nto kuzanywe kangangoko ukusetyenziswa ulwimi olunokufikeleleka nakubani na. , English and Xhoxa versions provided for dual language submission
- Full Text: