Ingqiqo yamanina kuxanduva lokusiphula neengcambu ugonyamelo nokuxhatshazwa: Uhlalutyo lweetekisi ZesiXhosa ezicatshulwe kuncwadi olubhalwe ngamanina (1976-2015)
- Authors: Bilatyi, Katy Nomthandazo
- Date: 2024-04-04
- Subjects: Women authors, Black South Africa , Women, Black Abuse of South Africa , Intellectual responsibility , Xhosa literature History and criticism , Women, Black, in literature
- Language: Xhosa
- Type: Academic theses , Doctoral theses , text
- Identifier: http://hdl.handle.net/10962/435582 , vital:73170 , DOI 10.21504/10962/435582
- Description: Uphando luza kuqwalasela ingqiqo yamanina kuxanduva lokusiphula neengcambu ugonyamelo nokuxhatshazwa kwawo ngamadoda. Ingxoxo iza kugxila kubabhali abangamanina beencwadi zesiXhosa ezicatshulweyo kolu phando, nalapho kuqwalaselwa indlela ababazoba ngayo abalinganiswa babo abangamanina. Kule ngxoxo kuqwalaselwa indlela ababhali abangamanina abafana noBelebesi (1976), Dazela (1988), Magadla (1992) Madolo (1998), Mayosi (2003), Magqashela (2006) kunye noBuzani (2015) abathe babazoba ngayo abalinganiswa abangamanina kwiincwadi zesiXhosa ezicatshuliweyo. Oku kukutyhila ubukrelekrele bababhali ekusebenziseni uncwadi ukuzisa izisombululo kwimingeni ajamelene nayo amanina efana nogonyamelo kunye noxhatshwazo. Obu bukrelekrele baba babhali bujongwa ngokweembali ezimbini, imbali yaphambi kozuzo lwenkululeko emva kongenelelo lobuKoloniyali kunye neyasemva kozuzo lwenkululeko yaseMzantsi Afrika. Iincwadi ezikhethiweyo zibhalwe phakathi kweminyaka ye-1976 ukuya kwiminyaka yama-2015. Uphando luya kujonga ukuba lungaba lukhona utshintsho kusini na kwindlela la manina ababazoba ngayo abalinganiswa ngokwezi mbali zahlukileyo kananjalo naxa bezotywa ngababhali abangamadoda. Uphando luya kutyhila kananjalo imixholo nemixholwana abayikhethayo nedlulisa iimvakalelo zabo bengamanina kumbandela wogonyamelo olukhatshwa yipatriyakhi kunye noxhatshazo abalufumana kumadoda. Xa kuphendlwa le mixholo yaba babhali bahlukileyo baneemvelaphi ezahlukileyo ngokwemontlalo bebhala ngokwamaxesha okanye iimbhali ezahlukileyo, kuya kucaca ukuba amava abo ayafana nokuba linina okanye ibhinqa. Loo mava abo anele ukuba bajikeleze kwimixholo ebizwa ngokuba yifeminist themes nakubeni izimbo zabo zokubhala zahlukile nje. Injongo kukubonisa ukuba nangona amanina aphila phantsi kweemeko neemontlalo ezahlukileyo nje, iinzima neentlungu zawo azisombulula ngendlela efanayo ngokusebenzisa usiba. Le ngxoxo ikhatshwa ziithiyori ezifana nefemayinizimu, ngakumbi ifemayinizimu yaseAfrika kunye kunye nangokoMzantsi Afrika iquka iMotherism kunye nenkcubeko ephehlelelwe phantsi kwePatriyakhi. Ezi thiyori ziludondolo lokuphendla nokuhlalutya ezi ncwadi zikhethiweyo zesiXhosa ukuze sicacelwe yeyona ndima idlalwa ngamanina kuluntu nanjengoko sisazi ukuba apha eMzantsi Afrika adlale eyona ndima yokuncedisa ekuziseni utshintsho kwimibandela yengcinezelo nasekuzuzweni kwenkululeko. Yiyo loo nto kufuneka nawo abonakale exhamla ngokulinganayo namadoda kwinkululeko ayisebenzeleyo ngokususa ugonyamelo, uxhatshazo nokubulawa kwawo ngamadoda. , Thesis (PhD) -- Humanities, School of Languages and Literatures, 2024
- Full Text:
- Date Issued: 2024-04-04

Perspectives of the historical–biographical criticism In the creative works of J. J. R. Jolobe
- Khumalo, Hlonpha Pamela Vivienne, Kwatsha, Linda Loretta
- Authors: Khumalo, Hlonpha Pamela Vivienne , Kwatsha, Linda Loretta
- Date: 2016
- Subjects: South African literature -- History and criticism -- Biography Xhosa literature -- History and criticism
- Language: English
- Type: Thesis , Doctoral , PhD
- Identifier: http://hdl.handle.net/10948/21983 , vital:29809
- Description: Olu phando lohlalutyo lukwaluncomo-gxeko lwemisebenzi kaJolobe, injongo yalo kukubonisa ukuba lukho uqhagamshelwano phakathi kobomi bakhe jikelele kunye noncwadi lwakhe. Ulwazi olunjalo lungathi lube luncedo kwiphulo elibalulekileyo ekuncediseni kulwazi lokubhala ibhayografi yakhe. Kubonakele kufanelekile ukuba iphulo elinjalo lenziwe ukukhumbula imisebenzi emikhulu eyenziwe ngamaqhawe abantu abaNtsundu abathe banegalelo elikhulu ekuphakanyiswni koncwadi lwemvelo kwakunye nenkuqubela phambili kwimfundo yabantu abangama-Afrika beli lizwe. Umzekelo uJolobe ulusebenzele ukuba uncwadi lwakhe ukuxwayisa abantu bakowabo abaNtsundu ngemfundo nolwazi olwakhaya. Ukwalusebenzise uncwadi lwakhe ukuvusa abantu ama-Afrika balumke kwingozi zemimoya yocinezelo lwabo ngurhulumente ocalule abantu abaNtsundu kuba bebantsundu ngebala. Nangona uncwadi lwakhe ulenze lwabasisonwabiso kodwa ikhakhulu ulusebenzise kwanokunika intuthuzelo, ithemba kwanokomelela kubantu abathe bacinezelwe zimeko zobomi ukuba bangalahli ithemba loluzuza impumelelo, kuba izinto zingatshintsha ebomini babo ngokuhamba kwamaxesha. Kwakhona ukongeza uncwadi lwakhe ulusebenzise ukuphakamisa nokuhambisela phambili ulwimi lwemveli, inkcubeko, imbali ngokusebenzisa isixhobo esiluncwadi lwakhe ukuze ezi ngongoma zikhankanyisweyo zihlale ezincwadini zakhe ezithe zazisele zolwazi, zingabi nakuze zife kuba zililifa lesizwe esiNtsundu, Uninzi loncwadi olubhalwe nguJolobe luthe lwaxoxwa kwesi sifundo, kodwa kuye kwaphonongwa ikakhulu uncwadi lwemibongo, inoveli idrama kuba kubonakele ukuba lo msebenzi ubanzi kakhulu kwaye esi sifundo kubonakele ukuba kungabanzima ukuba singagqibeka lula, kodwa ke uJolobe ubengumntu okhutheleyo. Ubhale incwadi eziliqela ngenxa yothando lwakhe lobhalo loncwadi oluqhutywe ngumbono wakhe wobuthandazwe, wokubona kubalulekile ukuba inani loncwadi olubhaliweyo esiXhoseni linyuke kwaye libe kwizinga eliphezulu, ukuze umzi wasemaXhoseni nowamanye ama-Afrika ngokubanzi ungalambathi ngoncwadi lokufunda ujongelwe phantsi ngokuba semva kwinkqubela phambili zezinye izizwe Ingokuphandle uncwadi lukaJolobe lubonakela luyinxenye yobomi bakhe. Kulunye uncwadi kwakhe kufumaniseka ukuba ukubhale endululwe zizinto ezithe azamphatha kakuhle ebomini bakhe zazaza ezo zinto zawuphazamisa umoya wakhe, nentlalo yakhe wada waqanda ukuba makabhale aphokoze okukuphuphuma kwengcinga zakhe ukuzithuthuzela kwanokuphilisa kwanabanye abantu abathe badibana neenzima ezinjalo zobomi. Umzekelo: iimeko zopolitiko zeli lizwe zithe zabuchaphazela ubomi bakhe, oko kubesisiphumo sokuba abhale incwadi yakhe yedrama apho adiza ngeemeko zokuphatheka kwabantu baseBhayi kwilokishi eyathi yabelwa bona ngurhulumnte wobandlululo, apho ebexelenga khona njengetitshala kwanoMfundisi weliZwi. Kanti noncwadi apho athe wabonisa ukuvuya khona olo luvuyo olusukela kwinto ethe yamvuyisa emalunga nobomi bakhe, izimvo zakhe kwanenkolo yakhe njengomntu, kwanendlela akhule ngayo. Umzekelo, uJolobe uye wazisa abafundi bakhe ukuba iimbalo zakhe zisukele kwizinto ezithe zamchukumisa ebomini bakhe. Ngoko ke kwabonakala ukuba olu phando luluncedo ekusungulweni kweprojekti yokubhalwa kwebhayografi kaJolobe neya kuba luncedo kwimisebenzi yophando olubalulekileyo kuncwadi kuba iincwadi ezinje zityebile ngolwazi olubalulekileyo ekungena kucingelwa ukuba lunokufunyanwa kulo.
- Full Text:
- Date Issued: 2016

A critical cultural review of the media coverage in the infighting of Nelson Mandela's burial in 2013
- Authors: Tandwa, Nontlahla
- Date: 2014
- Subjects: Mandela, Nelson, 1918-2013 , Mass media and culture
- Language: English
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: http://hdl.handle.net/10948/5733 , vital:20987
- Description: The aim of the study is to analyze the representation of isiXhosa traditional culture through the coverage on media coverage as the topic suggests following a legal battle on the removal of the remains of Mandela‘s children in the year 2013. The online news articles selected in this study covered issues since Mandela was in and out of hospital. The articles covered are those of local newspaper, The Herald-online- as it is based in the Eastern Cape and has covered more on the traditional beliefs, understanding and following such rituals. The aim of the study is to explore and describe the perceptions and experiences of people around the family feud and the legal battle on the removal of those remains. It will also emphasize on the representation of the media on this problem and how Xhosa tradition can be affected and also compare other newspaper articles on their coverage.
- Full Text:
- Date Issued: 2014

Uphononongo ngokwesithako sobunzululwazi-sakhono kwiinoveli ezimbini zesiXhosa : (Ukhozi olunamaphiko noLwadilik' udonga)
- Authors: Jaxa, Nontembiso Patricia
- Date: 2013
- Subjects: Xhosa literature -- History and criticism , Xhosa language -- Grammar , Figures of speech
- Language: Xhosa
- Type: Thesis , Masters , MA
- Identifier: vital:8483 , http://hdl.handle.net/10948/d1020981
- Description: Kule ngxoxo kuqwalaselwa indlela ulwimi njengesakhono olusetyenziswe ngayo kwincwadi kaSaule, ethi, Ukhozi Olumaphiko kunye nobuchule bukaBongela ekubhaleni kwincwadi yakhe ethi, Lwadilik’ Udonga, yona eluguqulelo lwencwadi kaChinua Achebe, ethi, Things Fall Apart. Kule ngxoxo akuthelekiswa aba babhali babini koko kujongwe nje kunconywa ubuchule babo ekusebenziseni ulwimi ngendlela ephakamisa umgangatho weencwadi zabo. Oko, kudandalazisa ukubaluleka kokuqatshelwa kolwimi njengesakhono, ngababhali. Injongo yolu phando kukuba, ababhali bakuthathele ingqalelo ukubaluleka kokukhulisa nokukhuthaza ukusetyenziswa kolwimi ngokukubonisa oko kwiincwadi abazibhalileyo, ukuze, nakubafundi nootitshala ezikolweni, kube lula ukufunda nokufundisa ulwimi, kuphumezeke iinjongo zeNkcazelo yePolisi yeKharityhulam noHlolo (2011), yona ebethelela ukufundiswa kolwimi ngendlela ephucula nekhulisa umfundi kulwimi. Le ngxoxo ke ixhaswa ngezithako ngezithako zeengcali kwisakhono noguqulelo. Ingxoxo le yahlulwe yazizahluko ezihlanu. Isahluko sokuqala sivula ngentshayelelo, ze sidandalazise intsusamabandla yolu phando, kushukuxwe ingxubakaxaka elundululeyo, ze kwenziwe uphengululo lweencwadi zeengcali kwizithako zesakhono nezokuguqulela. Isahluko sesibini, siqwalasela indlela uSaule asebenzise ngayo iindidi zezivakalisi, kanti neendidi zezivakalisi ezidiza isakhono ngobuchule, ukuze kuphuhle amandla akhe ekubaliseni kuhlobo loncwadi alubhalileyo, nokuvakalisa iingcinga neengcamango zakhe, edlulisa nolwazi kwabo bafunda incwadi. Isahluko sesithathu, siyaqhuba nokusetyenziswa kolwimi njengesakhono sokubhala kwakwincwadi kaSaule, kodwa kujongwe ukusetyenziswa kwezifanekisozwi, izifaniso, uchongo-magama nentsingiselo kunye noburharha bombhali. Isahluko sesine sona sihlalutya isimbo sikaBongela ekubhaleni nasekuguquleleni kwincwadi yakhe ethi, Lwadilik’ udonga. Isahluko sesihlanu sesokuphetha, siyintyilazwi yeengxoxo ezikolu hlalutyo, kuxilongwa ubuzaza besithako sobunzululwazi-sakhono nokubaluleka kwaso ekuphuhliseni uncwadi jikelele. Ukusetyenziswa kolwimi kuko okungundoqo wokuphila koncwadi.
- Full Text:
- Date Issued: 2013

- «
- ‹
- 1
- ›
- »