Ubomi Sisilonda: Ingqokelela Yemibongo
- Authors: Yanta, Luvuyo Mkhululi
- Date: 2021-10-29
- Subjects: Creative writing (Higher education) South Africa , Xhosa poetry 21st century , Diaries -- Authorship , South African poetry (English) History and criticism , Xhosa poetry History and criticism , Poetry Therapeutic use
- Language: Xhosa , English
- Type: Master's theses , text
- Identifier: http://hdl.handle.net/10962/192364 , vital:45219
- Description: Esi siqingatha sethisisi yingqokelela yemibongo-ngoma eyilwe ngeenjongo zokuzama ukuveza nokupholisa isilonda esidalwe ziimeko zobom esiphila kubo singabantu, izinto endizibonileyo nendidlule kuzo. Ndibhala ndibonakalisa ubumnyama endiphile kubo, apha ndizama ukusondela ekukhanyeni. Ndiqala ngokupholisa ezam izilonda kuqala. Ulwimi endilusebenzisayo lulanda imbali yam njengomfana omnyama okhulele elokishini, ilokishi nganye inolwimi lwayo. Ndisebenzisa olu lwimi ndibalisa indlela endikhule ngayo, ndikwakhankanya nokukhula ndiqheliswa ukungathethi ngezinto nokungawavezi amanxeba entliziyo yam phambi kwabantu “ilayithi ayikhali.” Ndinomdla kubabhali ababhala ngeemeko zexesha lanamhlanje, kwiimeko eziphilwa luninzi lwabantu nesimo sentlalo jikelele. Ndisebenzise umsebenzi wababhali abafana noAyanda Billie ukujonga isingqi sobom kwimibongo yakhe njengomntu ongekho kude ngokuhlala nokufuphi ngeminyaka, ndiqwalasele imisebenzi kaS. Zotwana ukuzama ukusondeza isigama kwindlela endikhule ngayo kunye noJ.J.R Jolobe ukuqwalasela ukuba babesebenzisa obuphi ubuchule bokubhala nokupholisa izilonda zabo. Ndikwacaphule kwisimbo sokubhala esikhawulezileyo semibhalo eyenzelwe iqonga njengoko ndichithe ixesha elininzi ndidlala kwaye ndikwaqeqesha abadlali beqonga. , Thesis (MA) -- Faculty of Humanities, School of Languages and Literatures, 2021
- Full Text:
- Date Issued: 2021-10-29

Ukubamba Umphefumlo Kukuphila: Ingqokelela Yamabali Amafutshane
- Authors: Zono, Cebisa
- Date: 2021-10-29
- Subjects: Creative writing (Higher education) South Africa , Xhosa fiction 21st century , Short stories, Xhosa 21st century , Homosexuality in literature , Diaries -- Authorship , Xhosa fiction History and criticism , American fiction History and criticism , Brazilian poetry History and criticism
- Language: Xhosa
- Type: Master's theses , text
- Identifier: http://hdl.handle.net/10962/192375 , vital:45220
- Description: Le thisisi inamabali amafutshane angabantu abathandana besisini esinye. Uncwadi lwesiXhosa luvame ukulufihla uthando oluphakathi kwabo bathandana besisini sinye. Isikrweqe endisisebenzisileyo kule thisisi kukunonga isimbo sokubhala ndibalisa ngomntu wokuqala ngokungathi ndibhala imbali yobomi okanye amavo. UJordan (1940) kwiNgqumbo Yeminyanya undifundise ukubumba abalinganiswa abakhaliphileyo, nabakrelekrele ngokufanayo ukuze izinto eziza kwenzeka zingalindeleki. UYuknavitch (2017) kwincwadi yembali yakhe ethi The Chronology of Water undifundise esi simbo sokushicilela izimbo zomntu ophilayo phantsi komthamo omnye. Ibali elifutshane likaProulx (1997) elithi Brokeback Mountain nalo libe nefuthe kakhulu kule thisisi kuba lidandalazisa elubala intlalo yabantu abathandana besisini esinye kwiindawo zasemaphandleni. , Thesis (MA) -- Faculty of Humanities, School of Languages and Literatures, 2021

Kwelo lizwe leentsomi : iintsomi zesiXhosa
- Authors: Sigcau, Bulelwa Monica
- Date: 2021-04
- Subjects: Creative writing (Higher education) -- South Africa , Xhosa fiction -- 21st century , Diaries -- Authorship , Short stories, Xhosa -- 21st century , African fiction -- History and criticism , English fiction -- History and criticism
- Language: Xhosa
- Type: thesis , text , Masters , MA
- Identifier: http://hdl.handle.net/10962/178270 , vital:42926
- Description: Ukuphosa kuvimba wolwazi ngeentsomi zesiXhosa, le thisisi iqulathe iintsomi-mabali eziqanjwe zabaliswa kusetyenziswa ulwimi, umxholo nemixholo engenelelayo engeziganeko zemihla ngemihla, abalinganiswa, isakhiwo sentsomi nesimo sentlalo zala maxesha siphila kuwo. Ezi ntsomi zixhaswa kakhulu yimifanekiso ephilayo, ukusetyenziswa kwemigca emifutshane ezoba isimo sentlalo nevakala ingathi yimibongo ngenxa yokuqupha kwayo. Umsebenzi kaR.F. Mcimeli, kwincwadi ethi, Ingqaka kaMaqhudeni iqulethe iintsomi ezisondeleyo kwezi ziqanjwe kulo msebenzi, ngakumbi iintsomi ezizezi, uNomvula noNomvulazana, uDumisani nesigebenga esingabonwayo, uNomaciko noCikokazi, nezinye. Umsebenzi kaNongenile Masithathu Zenani (2006) oqokelelwe nguHarold Scheub kwincwadi ethi South African voices: A long time passed ube negaleloo elikhulu ukubonisa indima esele idlaliwe kwiintsomi zesiXhosa. UKholeka Sigenu (2002) kwincwandi ethi Ezakowethu naye ube nefuthe kwindlela ezi ntsomi eziqanjwe ngayo nokuqinisekisa ukuba ngenene zongeza ulwazi olutsha. Ezi ntsomi-mabali zibhentsise okulungileyo nokuhenxayo ngaphandle kokushumayela nokuveza abalinganiswa njengeengilosi. Ndiluthande kakhulu nohlobo lukaAmos Tutuola lokubhala, ndizame ukusondeza uhlobo lwam lokubhala kolu hlobo lukaAmos Tutuola. Ndilandele ifuthe lohlobo lokubhala olubizwa ngeflash fiction. , Thesis (MA) -- Faculty of Humanities, School of Languages and Literatures, 2021
- Full Text:
- Date Issued: 2021-04

Ndiyazi ukuba ndiza kufa njani : ingqokelela yemibongo
- Authors: Mdliva, Mqhubi Given
- Date: 2021-04
- Subjects: Creative writing (Higher education) -- South Africa , Xhosa poetry -- 21st century , Xhosa poetry -- History and criticism , Diaries -- Authorship , Xhosa fiction -- 21st century
- Language: Xhosa
- Type: thesis , text , Masters , MA
- Identifier: http://hdl.handle.net/10962/178295 , vital:42928
- Description: Le mibongo inyathela kwizinto ezitsarhayo; ukufa, ukukhula kweziganeko ezingobundlobongela obuphathelele kwezesondo nesini, kubulawa abantwana namanina ngamadoda norhwaphilizo olugqugqisayo. Lo msebenzi uphonononga ukwavavanya ukusetyenziswa kweempawu zokubhala kungalandelwa miqathango yokubhala koko kusetyenziswa ezi mpawu njengezixhobo zokuphuhlisa iimvakalelo zembongi. Ezi mpawu ziquka iidesh, iikholoni, iisemikholoni ukuqelelaniswa kwamagama kukwashiywa nezikhewu phakathi kwamagama kukhokelwa ngumoya wemibongo. Oku kubangele ukuba le mibongo ibe nezakhiwo ezahlukileyo nezingaqhelekanga kubhalo lwesiXhosa. Oko kukuthi, lo msebenzi utyebisa uncwadi lwesiXhosa ngokukwandisa kule ndlela ingaqhelekanga yokubhala. Umsebenzi kaSt E.P. Yako ube nefuthe kakhulu kulo msebenzi, ngakumbi indlela alusebenzise ngayo ulwimi oluteketeke zizafobe nemifanekiso ukubhala imibongo njengoko enzile kumbongo othi, Izibongo zikaMhlekazi uArchie Sandile. Kumbhali uMarina Tsvetaete kubolekwe indlela ayisebenzise ngayo imifanekiso kumbongo osihloko sithi, Poems for Block kuba udubula ngegama uthi thaa umfanekiso kwingqondo yomfundi. Isimbo sokuyila isakhiwo sombongo sikaSimphiwe Nolutshungu naso sibe nefuthe kule mibongo, kwaye le thisisi yandisa apho lo kaNolutshungu aphele khona ngakumbi kwindlela asebenzise ngayo iimpawu zokubhala. , Thesis (MA) -- Faculty of Humanities, School of Languages and Literatures, 2021

- «
- ‹
- 1
- ›
- »