Ubomi Sisilonda: Ingqokelela Yemibongo
- Authors: Yanta, Luvuyo Mkhululi
- Date: 2021-10-29
- Subjects: Creative writing (Higher education) South Africa , Xhosa poetry 21st century , Diaries -- Authorship , South African poetry (English) History and criticism , Xhosa poetry History and criticism , Poetry Therapeutic use
- Language: Xhosa , English
- Type: Master's theses , text
- Identifier: http://hdl.handle.net/10962/192364 , vital:45219
- Description: Esi siqingatha sethisisi yingqokelela yemibongo-ngoma eyilwe ngeenjongo zokuzama ukuveza nokupholisa isilonda esidalwe ziimeko zobom esiphila kubo singabantu, izinto endizibonileyo nendidlule kuzo. Ndibhala ndibonakalisa ubumnyama endiphile kubo, apha ndizama ukusondela ekukhanyeni. Ndiqala ngokupholisa ezam izilonda kuqala. Ulwimi endilusebenzisayo lulanda imbali yam njengomfana omnyama okhulele elokishini, ilokishi nganye inolwimi lwayo. Ndisebenzisa olu lwimi ndibalisa indlela endikhule ngayo, ndikwakhankanya nokukhula ndiqheliswa ukungathethi ngezinto nokungawavezi amanxeba entliziyo yam phambi kwabantu “ilayithi ayikhali.” Ndinomdla kubabhali ababhala ngeemeko zexesha lanamhlanje, kwiimeko eziphilwa luninzi lwabantu nesimo sentlalo jikelele. Ndisebenzise umsebenzi wababhali abafana noAyanda Billie ukujonga isingqi sobom kwimibongo yakhe njengomntu ongekho kude ngokuhlala nokufuphi ngeminyaka, ndiqwalasele imisebenzi kaS. Zotwana ukuzama ukusondeza isigama kwindlela endikhule ngayo kunye noJ.J.R Jolobe ukuqwalasela ukuba babesebenzisa obuphi ubuchule bokubhala nokupholisa izilonda zabo. Ndikwacaphule kwisimbo sokubhala esikhawulezileyo semibhalo eyenzelwe iqonga njengoko ndichithe ixesha elininzi ndidlala kwaye ndikwaqeqesha abadlali beqonga. , Thesis (MA) -- Faculty of Humanities, School of Languages and Literatures, 2021
- Full Text:

- Authors: Manxiwa, Mzuvukile
- Date: 2021-10-29
- Subjects: Xhosa poetry 21st century , Xhosa poetry History and criticism , Buzani, Nompumezo Criticism and interpretation , Gwala, Mafika Pascal, 1946-2014 Criticism and interpretation , Xhosa language Rhythm , Xhosa language Rhyme , Creative writing (Higher education) South Africa
- Language: Xhosa
- Type: Master's theses , text
- Identifier: http://hdl.handle.net/10962/192265 , vital:45210
- Description: Le thisisi igxila kwiintlobo ngeentlobo zokubhala imibongo. Iqamele kakhulu kwilinge lokubhodla isingqala isebenzisa isandi sengoma yesiNtu komameleyo, oko kukuthi isondele kwi-lyric poetry ngolwasemzini. Oku kufezwe ngokusebenzisa isingqisho, imfano-zandi, imvano-siqalo nemvano-siphelo, njalo njalo. Iinjongo zale thisisi kukongeza kuncwadi lwesiXhosa nakwinkcubeko yesiNtu, nokuhlab’ ikhwelo elikhuthaza uluntu ukuba lubuyele kwinkcubeko yesiNtu, ukuhlonipha imo-ntlalo yabo nokuxabisa abantu ababhinqileyo. Umbali ophum’ izandla kuncwadi lwesiXhosa, uNompumezo Buzani, umsebenzi wakhe ngakumbi kwenye yeencwadi zakhe ethi Imida, ube nefuthe elikhulu kulo msebenzi, ngakumbi indlela athe walusebenzisa ngayo ulwimi; ngesimbo seli xesha ukudlulisa umyalezo ngolwimi oluqhelekileyo, lungafihlakali kodwa lube namandla okudlwengula umxhelo kulowo ufundayo. Ndeyame nakwincwadi kaNgcwabe, uKhala Zome; undikhumbuzile ngemibongo yakhe eyayame kakhulu kwimo yentlalo yamandulo, kunye nemibongo kaMafika Gwala kuJolinkomo, efana nale: The Children of Nonti kunye noThe Shebeen Queen. , Thesis (MA) -- Faculty of Humanities, School of Languages and Literatures, 2021

Kwelo lizwe leentsomi : iintsomi zesiXhosa
- Authors: Sigcau, Bulelwa Monica
- Date: 2021-04
- Subjects: Creative writing (Higher education) -- South Africa , Xhosa fiction -- 21st century , Diaries -- Authorship , Short stories, Xhosa -- 21st century , African fiction -- History and criticism , English fiction -- History and criticism
- Language: Xhosa
- Type: thesis , text , Masters , MA
- Identifier: http://hdl.handle.net/10962/178270 , vital:42926
- Description: Ukuphosa kuvimba wolwazi ngeentsomi zesiXhosa, le thisisi iqulathe iintsomi-mabali eziqanjwe zabaliswa kusetyenziswa ulwimi, umxholo nemixholo engenelelayo engeziganeko zemihla ngemihla, abalinganiswa, isakhiwo sentsomi nesimo sentlalo zala maxesha siphila kuwo. Ezi ntsomi zixhaswa kakhulu yimifanekiso ephilayo, ukusetyenziswa kwemigca emifutshane ezoba isimo sentlalo nevakala ingathi yimibongo ngenxa yokuqupha kwayo. Umsebenzi kaR.F. Mcimeli, kwincwadi ethi, Ingqaka kaMaqhudeni iqulethe iintsomi ezisondeleyo kwezi ziqanjwe kulo msebenzi, ngakumbi iintsomi ezizezi, uNomvula noNomvulazana, uDumisani nesigebenga esingabonwayo, uNomaciko noCikokazi, nezinye. Umsebenzi kaNongenile Masithathu Zenani (2006) oqokelelwe nguHarold Scheub kwincwadi ethi South African voices: A long time passed ube negaleloo elikhulu ukubonisa indima esele idlaliwe kwiintsomi zesiXhosa. UKholeka Sigenu (2002) kwincwandi ethi Ezakowethu naye ube nefuthe kwindlela ezi ntsomi eziqanjwe ngayo nokuqinisekisa ukuba ngenene zongeza ulwazi olutsha. Ezi ntsomi-mabali zibhentsise okulungileyo nokuhenxayo ngaphandle kokushumayela nokuveza abalinganiswa njengeengilosi. Ndiluthande kakhulu nohlobo lukaAmos Tutuola lokubhala, ndizame ukusondeza uhlobo lwam lokubhala kolu hlobo lukaAmos Tutuola. Ndilandele ifuthe lohlobo lokubhala olubizwa ngeflash fiction. , Thesis (MA) -- Faculty of Humanities, School of Languages and Literatures, 2021

Mna, Nosigidi
- Authors: Matyobeni, Simthembile
- Date: 2018
- Subjects: Creative writing (Higher education) -- South Africa , Xhosa poetry -- 21st century , South African poetry (English) -- 21st century
- Language: Xhosa , English
- Type: text , Thesis , Masters , MA
- Identifier: http://hdl.handle.net/10962/64412 , vital:28541
- Description: This thesis is a collection of poems. These are lyric poems. Animystic poets like Christopher Okigbo and Wole Soyinka are the principal models in terms of style. Animystic poetry projects ideas and emotions in a hallucinatory and profoundly visionary manner. The collection has a variety of themes such as marginality, identity, history, and domestic abuse. Diverse language registers are used in the poems in order that the setting of each poem, whether historical or contemporary, is realised. , Le thesisi ngumbongo omde osekelezelwe kumlinganiswa oyintloko, uNosigidi. Esi simbo sokuyila isihobe siva ngomlimandlela owenziwa ziimbongi ezifana noJ. R. R. Jolobe no‐Aime Cesaire. Indumasiso ethi “UThuthula” kaJolobe inefuthe kwimo yokwakhiwa kweminye imibongo edibanisa le mbali. Asiyiyo yonke imibhalo yezi mbongi ethe ncakasana ukungqamana nale mbali‐sihobe kaNosigidi. Imibongo ekuthiwa yi‐‘Animystic poetry’ isetyenzisiwe kakhulu kule mibongo. Sigqaliwe kunye nesihobe nesikaSappho, kuba yimbongi ebhale kakhulu ngamandla elizwi lamanina. USappho ngakumbi ubhala kakhulu kwisihobe sakhe ngamanina athandana namanye. Owona mxo walo mbongo kukugqala ibali koNosigidi okhule esazi kamhlophe ukuba yena uthandana namanye amanina. Isizathu soku kukuba nabo obu bomi kuyafuneka kubhaliwe ngabo ngendlela enenkathalo kuncwadi lwesiXhosa. Nasekusabeleni ubizo lwakhe kwintwaso uNosigidi uya enamathidala, de obo bomi bentumekelelo abamkele ngazo zozibini.

- «
- ‹
- 1
- ›
- »